
















BONA XHOSA - May1996 23 Abantwana!










Wathi xa eneminyaka elu-9, waya kuhlala eMqekezweni. Apho wayehlala emzini kaNkosi Jongintaba Dalindyebo. Le nkosi yayigcina uMadiba.
UMadiba wayekukhumbula eQunu nonina, kodwa wayonwabile eMqhekezweni. Kwakumnandi kuba wayelifumana ngokwaneleyo ixesha Iokufunda nelokudlala.

UNkosi Dalindyebo wayenonyana ogama Iingujustice. Ujustice wayemdala ngeminyaka emine kuMadiba. UMadiba wayemthanda ujustice yaye babedlala kunye.

                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                   UMadiba wayesiya kwiimbizo zabaThembu, apho wonk umntu wayethetha angaphazanyiswa. Wafunda izinto ezininzi ngedemokhrasi kubaThembu.
Wathi xa ene-19 ibudala kwagqitywa ekubeni angeniswe ebudodeni uMadiba. Woluka ukuze abeyindoda.



Ngo-1973 uMadiba waya kufunda nojustice eHealdtown Welseyan College eBhofolo ene-19 Ieminyaka. Waba yimbethi-manqindi ephambili apho.
Wathi xa enama-21 eminyaka ubudala uMadiba wamkelwa eFort Hare apho wayesenza izifundo zeB.A. Wafika wazifumanela umhlobo onguOliver Tambo. Waba nomdla nangakumbi kwipolitiki akuba ngumhlobo kaTambo nabanye awayefunda nabo eFort Hare. Xa esonga ubomi bakhe bobuntwana, siyabona ukuba wakhula elungiselelwa ukuba yinkokeli. Wayebathanda abantu, ewathobela amasiko akowabo yaye wayenqwenela ukuba bakhululeke bonke abantu baseMzantsi-Afrika. Enye into, wayezimisele ukunikela ngobomi bakhe ekulweleni inkululeko.



                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                                             


INational Adult Learner Week iqale ngomhla we-4 ukuya kumhla we-1O kuMatshi. Injongo yeli phulo ibikukufumana abafundi abadala neetitshala ezisebenza nzima kumsebenzi wemfundo yabadala - baze bawongwe. Oku kwenziwe kumsitho
obusekapa. UTyhila Ufunde udlane indlebe nabanye abaphumeleleyo.


Ukuphumelela kwiMfundo Yabadala
Xa ufuna ukubhengeza izihlo okanye iinkcukacha
uyithumele kwiLook and Learn, P0 Box 2925, Durban, 4001.


B
	azizigidi ngezigidi abantu abadala abangafundanga eMzantsi-Afrika. Abanye benza
iinzame zokufunda - iititshala zabo zincama imisebenzi yazo ukuze babafundise kanti bayanda nabantu abadala abafundayo. Aba bafundi abadala abadala neetitshala zabo udla ngokungahoywa umsebenzi wabo. Abantu ababini abazuze amabhaso engqingqi KwaZulu-Natal basibalisele amabali abo.

Okutshiwo ngumfundi omdala
UMagaret Buthelezi ubefunda ukususela ngoMatshi ka-1995. Ufunda ukubhala nokuthetha isiNgesi. Uthethe nathi ngesiNgesi ngokuphindela esikolweni uyofunda.

Andizange ndilifumane ithuba lokufunda ndisemncinane. Ndafunda ndafikelela kwiBanga lesi-2 kuphela kuba umama  wayengenamali.

Kwezi mini kufuneka usazi
isiNgesi ukuze wenze izinto. Ukuzalisa ifomu kunzima. Umyeni wam wandikhuthaza ukuba ndiyofunda


Ndiya kabini esikolweni
ngeveki.
Sifunda emva kwemini
kuphela.
Wonke umntu ekhaya uyayithanda
into yokuba ndifunda.


Margaret Buthelezi
Ndithi ebantwini abadala mabafunde. lzinto zitshintshile kule mihla. Xa ungafundanga uba nengxaki - awazi nkqu nezinto ezilula.

imfundo ayikhulelwa
UThembinkosi Mdletshe uyititshala yaseBombo kuMantla aKwaZulu. Waqala ukufundisa abantu abadala ngo-1988. Usibalisele indlela aqala ngayo.

Ndandiyititshala yabantwana besikolo ngo-1988 ndaza ndacelwa ngabantu basesibhedlele ukuba ndibafundise ukubhala nokufunda. Ndaqala ndabafundise kwam. Ndaba nako ukubafundisa kuba ndandisebenza ngoko ndincedwa ngumvuzo wam.

Bathi bakwazi ukufunda nokubhala abantu baxelela nabanye. Kungekudala ndafumanisa ukuba indlu yam incinane ndaza ndathetha nenqununu yesikolo esikufutshane ukuba isiboleke igumbi elikhulu. Baya besanda ngokwanda abafundi.

Ngokuhamba kwethuba baya beba baninzi abafundi de isikolo sethu saziwa yaye sabhaliswa kurhulumente. Ngoku sinamaziko emfundo angama30 abhalisiweyo kanti kukho angama-40 angakebhaliswa, nto leyo ithetha ukuba kukho abantu abangahlawulwayo ngomsebenzi abawenzayo. Phofu kuyasivuyisa oko kuba baninzi abantu abenza imisebenzi enjengokuba ngoomongikazi ababefunda kwisikolo sethu.

Abantu abaninzi basibuza ukuba kutheni sifundisa abantu abadala kangaka, kodwa mna ndikholwa kukuba abantu abadala bafanele bakhuthazwe ukuba bafunde. Awazi ukuba uya kufa nini. Ufunda kuba ufuna ukuba nolwazi ngezinto zehlabathi. Kwakhona kufuneka ube semgangathweni omnye nabanye abantu behlabathi. Awunakuwazi amalungelo akho xa ungakwazi ukubhala nokufunda.

ocinga ukuba iza kubanceda abafundi bethu, nceda


24 BONA XHOSA - May 996

	Nifundiswa ngephepha IikaMondi

